Testamente Endala

Testamente Entsha

Izenzo 1:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. kwada kwayimini awanyuswa ngayo, akuba ebawisele umthetho ngoMoya oyiNgcwele abapostile awayebanyule;

3. awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mané, ethetha izinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.

4. Uthe, ehlanganisene nabo, wabathethela ngelithi, mabangahlukani neYerusalem; mabalinde idinga loYise, awathi ukuthetha, Naliva kum;

5. ngokuba uYohane okunene wabhaptiza ngamanzi; kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele, kungekabi kade emva kwezi ntsuku.

6. Bona ke ngoko, bebuthelene, babembuza besithi, Nkosi, wobubuyisela ngeli xesha na ubukumkani kuSirayeli?

7. Uthe ke kubo, Asikokwenu ukwazi amaxesha nokuba ngamathuba, awamise ngelakhe igunya uBawo.

8. Niya kwamkela ke amandla, akubon' ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.

9. Waza etshilo, bakubon' ukuba bakhangele, wafukulwa; lathi ilifu lemka naye emehlweni abo.

10. Bakuba beqwalasele ezulwini, akubon' ukuba uyemka, kwabonakala kumi ngakubo amadoda amabini eneengubo ezimhlophe,

11. awatshoyo ukuthi, Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini? Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimboné esiya ngalo emazulwini.

12. Baza babuyela eYerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, ekufuphi kwiYerusalem, uhambo lwesabatha.

funda isahluko epheleleyo Izenzo 1