Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 9:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.

8. Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.

9. Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.

10. Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.

11. Zinokumkani phezu kwazo, usisithunywa senzonzobila, ogama lakhe ngesiHebhere linguAbhadon,* ngesiGrike unegama elinguApoliyon.*

12. Owokuqala uyeha udlule; yabona, kuza ooyeha ababini emva koko.

13. Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zoné zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,

14. lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa eziné ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.

15. Zaza zakhululwa izithunywa zoziné, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.

16. Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.

17. Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabó babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.

18. Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 9