Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 9:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Zanikwa igunya lokungababulali, bathuthunjelwe nje kodwa iinyanga ezintlanu; intuthumbo yazo yayinjengentuthumbo yoonomadudwane, xa athe wamhlaba umntu.

6. Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.

7. Iimfano zeenkumbi ezo, zibe zifana namahashe, elungiselwe imfazwe, ezintloko izizithsaba ezifana negolide, nobuso bazo bunjengobuso babantu.

8. Zaye zineenwele ezingathi ziinwele zamankazana, namazinyo azo engathi ngawengonyama.

9. Zaye zinezigcina-zifuba ezingathi zizigcina-zifuba zentsimbi, isandi samaphiko azo singathi sisandi seenqwelo zamahashe amaninzi, ebaleka esiya emfazweni.

10. Zinemisila efana neyoonomadudwane, kukho nezamvila emisileni yazo; igunya lazo lilelokona abantu iinyanga ezintlanu.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 9