Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 9:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Sathi esesithandathu isithunywa savuthela ixilongo, ndeva izwi liphuma ezimpondweni zoné zesibingelelo segolide esisemehlweni kaThixo,

14. lisithi kwisithunywa sesithandathu esasinexilongo, Zikhulule izithunywa eziné ezikhonkxwe emlanjeni omkhulu ongumEfrati.

15. Zaza zakhululwa izithunywa zoziné, ezazilungiselwe ilixa nemini nenyanga nomnyaka, ukuze zibulale isahlulo sesithathu sabantu.

16. Laye inani lemikhosi yamahashe lizizigidi zezigidi eziphindeke kabini; ndaliva inani layo.

17. Ndawabona ngokunjalo amahashe embonweni lowo, nabó babehleli phezu kwawo, benezigcina-zifuba ezimlilo, nezimsi, nezisulfure; iintloko zamahashe zingathi ziintloko zeengonyama, emlonyeni wawo kuphuma umlilo, nomsi, nesulfure.

18. Ngezo nto zontathu sabulawa isahlulo sesithathu sabantu ngomlilo, nangomsi, nangesulfure, ezaphumayo emlonyeni wawo.

19. Kuba amagunya awo asemlonyeni wawo nasemisileni yawo; kuba imisila yawo ifana neenyoka, ineentloko; ngayo áyonakalisa.

20. Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba;

21. akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 9