Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 8:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ndazibona izithunywa zezulu ezisixhenxe, ezimayo phambi koThixo; zaza zanikwa amaxilongo asixhenxe.

3. Seza esinye isithunywa, sema esibingelelweni, sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.

4. Wenyuka ke umsi weziqhumiso, kunye nemithandazo yabangcwele, ephuma esandleni sesithunywa sezulu, waya emehlweni kaThixo.

5. Sathi isithunywa sasithabatha isiqhumiselo eso, sasizalisa ngomlilo wesibingelelo, sawuphosa emhlabeni; kwabakho izandi, neendudumo, nemibane, nenyikima.

6. Zaza izithunywa ezisixhenxe ezinamaxilongo osixhenxe, zazilungiselela ukuba zivuthele amaxilongo.

7. Sathi esokuqala isithunywa savuthela ixilongo, kwabakho isichotho nomlilo, ziphithikezwe negazi, zaphoswa emhlabeni; saza isahlulo sesithathu semithi satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 8