Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 7:4-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ndaliva inani labo babetywiniwe: kwatywinwa ikhulu elinamanci mané anesiné lamawaka, kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli.

5. Esizweni sakwaYuda kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaRubhen kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaGadi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

6. Esizweni sakwa-Ashere kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaNafetali kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaManase kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

7. Esizweni sakwaSimon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaLevi kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaIsakare kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

8. Esizweni sakwaZebhulon kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaYosefu kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka. Esizweni sakwaBhenjamin kwatywinwa ishumi elinambini lamawaka.

9. Emva koko ndabona, naso isihlwele esikhulu, ebekungekho namnye unako ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi, simi phambi kwetrone naphambi kweMvana, bethiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe, benamasundu ezandleni zabo,

10. bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi:Usindiso kuye uThixo wethu,Lowo uhleli phezu kwetrone,Nakuyo iMvana!

11. Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenzé isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zoné, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo,

12. zaqubuda kuye uThixo, zisithi:Amen,Ukubongwa, nozuko, nobulumko,Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela,Makube kuye uThixo wethu,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni!Amen.

13. Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?

14. Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumáyo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.

15. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.

16. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawèla nelanga, nabunye ubushushu;

17. ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalúsa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 7