Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 7:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Zaye zonke izithunywa zezulu zimi, zenzé isangqa etroneni, nakuwo amadoda amakhulu, nakuzo izinto eziphilileyo zoné, zawa phambi kwetrone ngobuso bazo,

12. zaqubuda kuye uThixo, zisithi:Amen,Ukubongwa, nozuko, nobulumko,Nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela,Makube kuye uThixo wethu,Kuse emaphakadeni asemaphakadeni!Amen.

13. Yaphendula enye indoda enkulu, isithi kum, Aba bathiwe wambu ngeengubo ezinde ezimhlophe bangoobani na? bevela phi na?

14. Ndithi kuyo, Nkosi, nguwe owaziyo. Yathi kum, Aba ngabaphumáyo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.

15. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.

16. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawèla nelanga, nabunye ubushushu;

17. ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalúsa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 7