Emva koko ndabona izithunywa zezulu ziziné, zimi ezimbombeni zoné zomhlaba, zibambe imimoya yominé yomhlaba, ukuze kungavuthuzi moya phezu komhlaba, naphezu kolwandle, naphezu kwemithi yonke.