Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 6:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Xa yalivulayo elesiné itywina, ndeva izwi lento ephilileyo yesiné lisithi, Yiza ubone.

8. Ndabona, nalo ihashe eliluthuthu; lowo ke wayehleli phezu kwalo enguKufá igama lakhe, nelabafileyo lilandelelana naye. Banikwa igunya lokubulala kwisahlulo sesiné somhlaba ngekrele, nangendlala, nangokufa, nangawo amarhamncwa omhlaba.

9. Xa yalivulayo elesihlanu itywina, ndayibona ngaphantsi kwesibingelelo imiphefumlo yabo babesikwe ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina ababenabo.

10. Baye bedanduluka ngezwi elikhulu, besithi, Koda kube nini na, Mnini-nto-zonke oyingcwele, oyinyaniso, ungagwebi, ungaliphindezeleli igazi lethu kubo abemiyo phezu komhlaba?

11. Banikwa bonke ngabanye iingubo ezinde ezimhlophe; kwathiwa kubo, basaya kuphumla ixesha elincinane, bade bazaliseke nabangabakhonzi nabo, nabazalwana babo, abaza kubulawa kwanjengabo.

12. Ndabona, xa yalivulayo elesithandathu itywina, nanko, kubakho unyikimo lomhlaba olukhulu, lathi ilanga laba mnyama, njengengubo erhwexayo yoboya;

13. yathi inyanga yaba njengegazi; zathi iinkwenkwezi zezulu zawela emhlabeni, njengokuba umkhiwane uvuthulula amakhiwane awo atshazileyo, wakuzanyazanyiswa ngumoya omkhulu.

14. Lathi izulu lafingeka, njengencwadi esongiweyo; zathi iintaba zonke neziqithi zasuswa ezindaweni zazo.

15. Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.

16. Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana;

17. ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 6