Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 4:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Phambi kwetrone kukho ulwandle lwegilasi, lufana nomkhenkce. Esazulwini setrone apho, nasesangqeni setrone, kukho izinto eziphilileyo eziné, zizele ngamehlo ngaphambili nangasemva.

7. Eyokuqala into ephilileyo ifana nengonyama; eyesibini into ephilileyo ifana nethole; eyesithathu into ephilileyo inobuso obungathi bobomntu; eyesiné into ephilileyo ifana nokhozi luphaphazela.

8. Zaye zoné izinto eziphilileyo ezo, iyileyo naleyo, zinamaphiko ngamathandathu ngeenxa zonke, nangaphakathi zizele ngamehlo; zingaphumli imini nobusuku, zisithi:Ingcwele, ingcwele, ingcweleINkosi uThixo uSomandla,Leyo yayikho, ikhoyo, izayo.

9. Xa zithi izinto eziphilileyo zibè zimnika uzuko nembeko nombulelo lowo uhleli etroneni, lowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,

10. asuka awe amadoda amakhulu, amashumi mabini anamané, phambi kwalowo uhleli etroneni, aqubude kulowo udla ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni, aphose izithsaba zawo phambi kwetrone, esithi:

11. Ùfanele, Nkosi, ukwamkela uzuko, nembeko, namandla;Ngokuba inguwe owadala zonke izinto,Nangenxa yokuthanda kwakho zikho, zadalelwa oko.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 4