Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 4:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Emva koko ndabona, nango umnyango uvulekile emazulwini; ilizwi lokuqala endalivayo lalinjengexilongo, lithetha nam, lisithi, Nyukela apha, ndokubonisa izinto ezimele ukubakho emva kwezi.

2. Ndithe kwaoko ke ndaba kuMoya; nanko kumi itrone emazulwini, phezu kwetrone kukho ohleliyo.

3. Waye lowo uhleliyo, ukubonakala kwakhe, efana nelitye leyaspisi* nelesardiyo;* waye umnyàma wenzé isangqa etroneni apho, ufana nelesmarado* ukubonakala kwawo.

4. Kwaye kwenzé isangqa etroneni apho iitrone ezimashumi mabini anané; phezu kweetrone ezo ndabona amadoda amakhulu amashumi mabini anamané, ehleli, ethiwe wambu ngeengubo ezimhlophe, enezithsaba zegolide entloko.

5. Nasetroneni apho kuphuma imibane, neendudumo, nezandi; kuvutha izibane zomlilo ezisixhenxe phambi kwetrone, ezingabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 4