Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:9-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana,* abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.

10. Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.

11. Yabona, ndiza kamsinya: kúbambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.

12. Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.

13. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

14. Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi:Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:

15. Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3