Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:10-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.

11. Yabona, ndiza kamsinya: kúbambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.

12. Lowo weyisayo ndiya kumenza intsika etempileni yoThixo wam. Akayi kuba saphuma phandle; ndaye ndiya kulibhalela phezu kwakhe igama loThixo wam, negama lomzi woThixo wam, iYerusalem entsha, ehla emazulwini ivela kuThixo wam, negama lam elitsha.

13. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

14. Isithunywa sebandla eliseLawodike, sibhalele uthi:Utsho uAmen, ingqina elithembekileyo, eliyinyaniso, ingqalo yayo indalo kaThixo, ukuthi:

15. Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba ububanda, akwaba ubushushu.

16. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.

17. Ngokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba zé;

18. ndiyakucebisa, ukuba uthenge kum igolide evutshiswe emlilweni, ukuze ube nobutyebi; neengubo ezimhlophe, ukuze wambeswe, lingabonakali ihlazo lobuzé bakho; nentambiso yamehlo, uthambise amehlo akho, ukuze ubone.

19. Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.

20. Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba úthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.

21. Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisáyo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3