Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 3:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Isithunywa sebandla eliseSardesi, sibhalele uthi:Utsho lowo unabo ooMoya abasixhenxe bakaThixo, nazo iinkwenkwezi ezisixhenxe, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba unalo igama lokuba uphilile, ukanti ufile.

2. Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.

3. Khumbula ngoko ukuba utheni na ukwamkela kwakho, nokuva ugcíne, uguquke. Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.

4. Unamagama ambalwa naseSardesi apho, angazidyobhanga wona iingubo zawo; baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba befanelekile.

5. Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe zasemazulwini.

6. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

7. Isithunywa sebandla eliseFiladelfi, sibhalele uthi:Utsho oyiNgcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi:

8. Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba ùthe, únamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.

9. Yabona, ndinika abesikhungu sikaSathana,* abathi bangamaYuda bona, bengengawo, bexoka; yabona, ndiya kubenza beze baqubude phambi kweenyawo zakho, bazi ukuba mna ndikuthandile.

10. Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.

11. Yabona, ndiza kamsinya: kúbambe ukuqinise onako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 3