Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 21:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Andibonanga tempile kuwo, kuba iNkosi uThixo uSomandla nayo iMvana yitempile yawo.

23. Umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo.

24. Iintlanga zabo basindiswáyo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.

25. Amasango awo akasayi kuvalwa mini (kuba ubusuku abuyi kubakho khona).

26. Baya kuzisa uzuko nembeko yeentlanga ezo kuwo.

27. Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi, eyenza isikizi, nobuxoki; ábaya kungena ngabo bodwa babhalwe encwadini yobomi yeMvana.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 21