Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 20:8-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni eziné zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, ábanani labo lingangentlabathi yaselwandle.

9. Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba.

10. UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure, apho likhona irhamncwa nomprofeti obuxoki; baya kuthuthunjelwa imini nobusuku, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

11. Ndabona itrone emhlophe enkulu, nalowo uhleli phezu kwayo, owathi umhlaba nezulu wasaba ebusweni bakhe, azafunyanelwa ndawo ezo zinto.

12. Ndababona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa iincwadi; kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.

13. Lwathi ulwandle lwabakhupha abafileyo abakulo, kwathi ukufa nelabafileyo kwabakhupha abafileyo abakhona; bagwetywa elowo ngokwemisebenzi yakhe.

14. Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo.

15. Oko kukufa kwesibini. Wathi ongafunyanwanga ebhaliwe encwadini yobomi, waphoswa edikeni lomlilo.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 20