Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 2:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ùthwele, unomonde; uthe ngenxa yegama lam wabulaleka, akwadinwa.

4. Noko ke ndinale nto ngakuwe, yokuba uthando lwakho lokuqala walushiyayo.

5. Khumbula ngoko apho uwé usuka khona, uguquke, wenze imisebenzi yokuqala; okanye ndoza kuwe kamsinya, ndisishenxise isiphatho sesibane sakho endaweni yaso, ukuba akuthanga uguquke.

6. Kodwa ùnale ndawo, yokuba uyithiyile imisebenzi yamaNikolawo, endiyithiyileyo nam.

7. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo ndiya kumnika ukuthi adle kumthi wobomi, ophakathi kweParadisi* kaThixo.

8. Isithunywa sebandla eliseSmirna, sibhalele uthi:Utsho lowo ungowokuqala, ungowokugqibela, owayefile, waza wabuya wadla ubomi, ukuthi:

9. Ndiyayazi imisebenzi yakho, nembandezelo, nobuhlwempu (noko usisityebi), nonyeliso lwabo bathi bangamaYuda bona, bengengawo, besisikhungu sikaSathana.

10. Musa ukoyika nabunye ubunzima oza kubuva. Yabona, uMtyholi uza kuyiphosa inxenye yenu entolongweni, ukuze nilingwe: niya kuba nembandezelo imihla elishumi; thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.

11. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla. Lowo weyisayo akayi kukha oniwe kukufa kwesibini.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 2