Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 2:24-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenáyo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshoyo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.

25. Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.

26. Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.

27. Uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;

28. ndiya kumnika ikhwezi lokusa.

29. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 2