Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 2:20-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Noko ke ndineendawana ngakuwe: ezi zokuba umvumela umfazi lowo uIzebhele, othi yena ungumprofetikazi, ukuba abafundise abalahlekise abakhonzi bam, ukuba benze umbulo, badle izinto ezibingelelwe izithixo.

21. Ndamnika ixesha lokuba aguquke kuwo umbulo wakhe, akaguquka.

22. Yabona, mna ndiya kumphosa elukhukweni, nabo bakrexeza kunye naye, embandezelweni enkulu, ukuba abathanga baguquke emisebenzini yabo;

23. nabantwana bakhe ndibabulale ngokufa; azi onke amabandla ukuba mna ndingulowo uphengulula izintso neentliziyo, ndininike elowo ngokwemisebenzi yenu.

24. Ndithi ke kuni, nakwabanye abaseTiyatira, abo bonke bangenáyo loo mfundiso, nabo abo bangazazanga iinzulu zikaSathana (njengoko batshoyo): andiyi kuphosa phezu kwenu mthwalo wumbi.

25. Noko ke oko ninako kubambeni nikuqinise, ndide ndifike.

26. Lowo weyisayo, lowo uyigcinayo imisebenzi yam, ade ase ekupheleni, ndomnika igunya phezu kwazo iintlanga.

27. Uya kuzalúsa ngentonga yentsimbi, njengokuba izitya zomdongwe zityunyuzwa, njengokuba nam ndamkele kuye uBawo;

28. ndiya kumnika ikhwezi lokusa.

29. Lowo unendlebe, makayive into ayithethayo uMoya kuwo amabandla.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 2