Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 17:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Irhamncwa owalibonayo laye likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, limke liye entshabalalweni. Baya kumangaliswa abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angàbhaliweyo encwadini yobomi kuseloko kwaba sekusekweni kwehlabathi, belibona nje irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, likho noko.

9. Nantsi ingqiqo enobulumko. Iintloko ezisixhenxe ezi ziintaba ezisixhenxe, ehleli phezu kwazo inkazana leyo.

10. Kananjalo zona zingookumkani abasixhenxe. Abahlanu báwa, omnye ukho, omnye akakafiki; xa athe wafika, umelwe kukuhlala umzuzwana.

11. Irhamncwa elaye likho, elingekhoyo, lona lingowesibhozo okwangowabasixhenxe;

12. umka aye entshabalalweni. Iimpondo ezilishumi owazibonayo zingookumkani abalishumi, bona abo bangekamkeli bukumkani, basuka bamkele, njengookumkani, igunya lelixa elinye kunye nerhamncwa.

13. Aba banasicamango sinye, babeya kunikela amandla negunya labo kulo irhamncwa.

14. Aba baya kwenza imfazwe neMvana. IMvana iya kubeyisa, ngokuba inguNkosi kankosi, inguKumkani kakumkani; baya kweyisa nabo banayo, babiziweyo, banyuliweyo, bathembekileyo.

15. Sithi kum, Amanzi owawabonayo, apho lihleli khona ihenyukazi, ngabantu, nezihlwele, neentlanga, neelwimi;

16. iimpondo ezilishumi owazibonayo ziserhamncweni, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.

17. Kuba uThixo ubeke ezintliziyweni zabo ukwenza ingcinga yakhe, benze ngcinga-nye, babunike irhamncwa ubukumkani babo, ade azaliseke amazwi kaThixo.

18. Inkazana owayibonayo nguloo mzi mkhulu, ulawula ookumkani bomhlaba.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 17