Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 16:16-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Babahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.

17. Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu, livela etempileni yamazulu, livela etroneni, lisithi, Kwenzekile.

18. Kwabakho imibane, nezandi, neendudumo; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.

19. Umzi omkhulu lowo waba zahlulo zithathu; yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yakhunjulwa emehlweni kaThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe.

20. Into yonke eziziqithi yabaleka, neentaba azafunyanwa.

21. Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esimatye ngathi ubunzima bawo yitalente* ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso, ngokuba sisikhulu kakhulu isibetho saso.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 16