Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 14:5-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.

6. Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;

7. sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.

8. Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba isezé zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.

9. Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:

10. yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.

11. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; àbanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.

12. Nalu unyamezelo lwabangcwele; nabá abayigcinàyo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.

13. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

14. Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.

15. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 14