Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 14:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.

11. Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; àbanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.

12. Nalu unyamezelo lwabangcwele; nabá abayigcinàyo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.

13. Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

14. Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.

15. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.

16. Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.

17. Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali.

18. Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa.

19. Isithunywa saliphosa irhengqa laso emhlabeni, sawubutha umdiliya womhlaba, sawuphosa esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo.

20. Isixovulelo eso sanyathelwa ngaphandle komzi lowo; kwaphuma igazi esixovulelweni eso, lada lafika emikhaleni yamahashe, umgama wezitadiya* eziliwaka elinamakhulu amathandathu.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 14