Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 13:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; kanjalo lanikwa igunya lokulwa iinyanga ezimashumi mané anesibini.

6. Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini.

7. Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga.

8. Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi.

9. Ukuba ubani unendlebe, makeve.

10. Ukuba ubani uhlanganisela abanye ekuthinjweni, naye uya kusiwa ekuthinjweni; ukuba ubani ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele.

11. Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba.

12. Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba, nabo bawumiyo, ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa.

13. Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu,

14. libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 13