Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 13:15-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.

16. Lenza bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe lilo esandleni sabo sokunene, nokuba kusemabunzini abo;

17. nokuze kungabikho mntu unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo.

18. Nabu ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lalo ke lingamakhulu omathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 13