Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 11:12-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Eva izwi elikhulu liphuma ezulwini, lisithi kuwo, Nyukelani apha! Enyuka, aya ezulwini esefini; zawabona iintshaba zawo.

13. Ngelo lixa kwabakho unyikimo lomhlaba olukhulu, isahlulo seshumi somzi sawa, kwabulawa kolo lunyikimo abantu abangamawaka asixhenxe; abo baseleyo bangenelwa luloyiko, bamzukisa uThixo wezulu.

14. Uyeha wesibini udlule; yabona uyeha wesithathu uyeza kamsinya.

15. Sathi esesixhenxe isithunywa savuthela ixilongo; kwabakho amazwi amakhulu emazulwini, esithi:Izikumkani zehlabathi zithe zaba zezeNkosi yethu nezikaKristu* wayo.Wayeya kuba nguKumkani kuse emaphakadeni asemaphakadeni.

16. Aza amadoda amakhulu, angamashumi mabini anamané, ahleli phambi koThixo phezu kweetrone zawo, awa ngobuso bawo, aqubuda kuye uThixo,

17. esithi:Siyabulela kuwe, Nkosi, Thixo, Somandla,Wena ukhoyo, wawukho, uzayo,Kuba uwathabathile amandla akho amakhulu, waba nguKumkani.

18. Iintlanga zaqumba,Yeza ingqumbo yakho,Leza nexesha labo bafileyo ukuba bagwetywe,Nelokubanika umvuzo wabo abakhonzi bakho abaprofeti, nabo bangcwele,Nabo baloyikayo igama lakho, abancinane nabakhulu,Nelokonakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.

19. Yavulwa itempile kaThixo emazulwini, yabonakala ityeya* yomnqophiso wakhe etempileni yakhe; kwabakho imibane, nezandi, neendudumo, nonyikimo lomhlaba, nesichotho esikhulu.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 11