10. Ke bona aba okunene izinto zonke abangazaziyo bayazinyelisa; kodwa izinto zonke abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo.
11. Yeha ke bona! Ngokuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora.
12. Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; bayimithi evuthulukileyo, engenaziqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
13. bangamáza alwayo olwandle, elephuza awawo amahlazo; baziinkwenkwezi eziphalaphalayo, begcinelwe isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.