Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayuda 1:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo bekuThixo uYise, begcinelwe uYesu Kristu, bengababiziweyo:

2. uthi, Makwandiswe kuni inceba noxolo nothando.

3. Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwáyo kwakanye abangcwele.

4. Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.

funda isahluko epheleleyo Ekayuda 1