Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 5:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi.

7. Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula.

8. Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele.

9. Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango.

10. Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela.

11. Yabonani, sithi, bonoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.

12. Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni.

13. Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso.

14. Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi;

15. wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa.

16. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sínamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 5