Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 5:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo.

6. Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi.

7. Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula.

8. Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele.

9. Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango.

10. Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela.

11. Yabonani, sithi, bonoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba.

12. Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni.

13. Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 5