Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 5:13-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso.

14. Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi;

15. wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa.

16. Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sínamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa.

17. UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba inganí; ayaná emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu.

18. Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo.

19. Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula,

20. makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 5