Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 5:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo.

2. Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu.

3. Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo. Niziqwebéle ubutyebi ngeemini zokugqibela.

4. Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi.

5. Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo.

6. Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi.

7. Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula.

8. Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele.

9. Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango.

10. Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 5