Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 4:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo.

5. Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta?

6. Ke úbabala kakhulu ngakumbi. Kungoko síthi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.

7. Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.

8. Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa.

9. Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba.

10. Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.

11. Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba ùyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.

12. Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ùngubani na wena, umgwebayo omnye?

13. Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze;

14. kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 4