Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 3:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.

9. Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.

10. Kwakuló mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso.Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.

11. Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na?

12. Únako yini na, bazalwana bam, umkhiwane úkuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongávelisa amanzi amtyuba namnandi.

13. Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.

14. Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso.

15. Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.

16. Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.

17. Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozamé kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso.

18. Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 3