Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 3:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo.

2. Kuba siyakhubeka kaninzi sonke.Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela.

3. Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela.

4. Yabona, nayo imikhombe, ímikhulu kangaka nje, íqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona.

5. Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu.Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.

6. Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo.

7. Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho ziné, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu;

8. ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.

9. Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.

10. Kwakuló mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso.Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.

11. Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na?

12. Únako yini na, bazalwana bam, umkhiwane úkuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongávelisa amanzi amtyuba namnandi.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 3