Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 2:2-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka;

3. naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam:

4. anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo?

5. Yivani, bazalwana bam baziintánda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo?

6. Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na?

7. Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo?

8. Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile;

9. kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi.

10. Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke.

11. Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho.

12. Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.

13. Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo.

14. Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi únokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe?

15. Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe zé, beswele ukudla imihla ngemihla,

16. athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningàbaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na?

17. Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.

18. Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam.

funda isahluko epheleleyo Ekayakobi 2