kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5

Testamente Endala

Testamente Entsha

Ekayakobi 1 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

Icebiso kwimicimbi eyahlukahlukeneyo

1. UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa.

2. Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo,

3. nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.

4. Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.

5. Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.

6. Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.

7. Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.

8. Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.

9. Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe;

10. osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca.

11. Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; síya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.

12. Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.

13. Makungabikho namnye utshoyo akùhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena.

14. Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.

15. Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.

16. Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintánda.

17. Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; síhla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika.

18. Úthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe.

Unqulo oluyinyaniso

19. Ngoko ke, bazalwana bam baziintánda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba;

20. kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.

21. Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu.

22. Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela.

23. Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini;

24. kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.

25. Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe.

26. Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto.

27. Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.