Testamente Endala

Testamente Entsha

3 Kayohane 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi,

2. Ntanda, ndinga ungáthi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.

3. Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.

4. Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.

5. Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,

6. abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;

funda isahluko epheleleyo 3 Kayohane 1