Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni;

9. kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.

10. Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.

11. Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.

12. Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.

13. Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.

14. Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.

15. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.

16. Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3