Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:14-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.

15. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.

16. Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.

17. Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3