13. Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.
14. Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.
15. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.
16. Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.
17. Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.
18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.