Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:11-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.

12. Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.

13. Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.

14. Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.

15. Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.

16. Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.

17. Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.

18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3