Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 3:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;

2. nokuba sihlangùlwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.

3. Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.

4. Sikholosé ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.

5. Yanga ke iNkosi ingáthi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.

6. Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkeláyo kuthi.

7. Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu.

8. Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni;

9. kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.

10. Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.

11. Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 3