Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 2:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.

8. Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:

9. kwalowo, úkufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla,

10. nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.

11. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;

12. ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, básuka bakholiswa kuko ukungalungisi.

13. Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;

14. awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.

15. Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 2