Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 2:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, básuka bakholiswa kuko ukungalungisi.

13. Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;

14. awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.

15. Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.

16. Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo,

17. wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 2