Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 2:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngenxa yokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nokuhlanganiselwa kwethu kuyo,

2. ukuba ningazanyazanyiswa kwakamsinya, nahlukane nengqiqo; ukuba ningabi navuso ngamoya, ngalizwi, ngancwadi ingáthi, ivela kuthi, ngokungáthi iselingene imini leyo kaKristu.

3. Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;

4. lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.

5. Ànikhumbuli na, ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?

6. Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.

7. Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.

8. Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:

9. kwalowo, úkufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla,

10. nemiqondiso, nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.

11. Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 2