Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasetesalonika 1:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika, elikuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu;

2. bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.

3. Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye;

4. ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo;

5. umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;

6. ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo;

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasetesalonika 1