Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 9:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Qondani ke le nto: Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna kwangokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna kwangesisa.

7. Elowo makanike njengoko agqibe ngako entliziyweni; makungabi kokuphuma kabuhlungu, nangokunyanzelwa; kuba uThixo uthanda umphi ochwayithileyo.

8. Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo;

9. njengokuba kubhaliwe kwathiwa,Wasasaza, wapha abasweleyo;Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.(INdum. 112:9)

10. Wanga ke angathi, ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu;

11. nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.

12. Ngokuba ulungiselelo lwaló mbuso alwaneli kuzalisela iintsilelo zabangcwele; lusuka kananjalo luphuphume imibulelo emininzi kuye uThixo;

13. besithi nje, ngako ukucikideka kolo lulungiselelo, bamzukise uThixo ngenxa yokulululamela kwenu uvumo lwenu ngokusingisele kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, nangenxa yokunyanisa kokudlelana kwenu ngokusingisele kubo nakubantu bonke;

14. bakubon' ukuba nabo bayanilangazelela, benikhungela ngenxa yobabalo lukaThixo oluncamisileyo kuni aba.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 9