Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 8:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. ndithi, ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo; ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu, ukuze ke kubekho ukulingana;

15. njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Owabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowabutha kancinane akabanga nakusilela.

16. Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito.

17. Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyameke okunye, waphuma ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni.

18. Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

19. Asikuphela ke oko; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi, nalo olu lubabalo lulungiselelwayo sithi, ukuze izukiswe iNkosi, nibe nokuthumekelela nina:

20. sílumkele oku, ukuba kungabikho mntu usibeka bala kule nyambalala yeminikelo ilungiselelwayo sithi;

21. sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu.

22. Sithumé ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; kokukhona akhuthele kakhulu, ekholose kakhulu ngani.

23. Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu.

24. Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla.

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 8