Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kwabasekorinte 6:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle; ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso;

9. ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singàbulawa noko;

10. ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.

11. Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.

12. Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.

13. Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.

14. Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?

15. Unakuvumelana kuní na ke uKristu noBheliyali?* Unasahlulelwano siní na okholwayo nongakholwayo?

16. Inakudibana kuní na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.

17. Kungoko ndithi,Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi,Nento engcolileyo ningayichukumisi;(Ulsaya 52:11)Ndandiya kunamkela,

18. Ndibe nguyihlo,Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.(UYer. 31:1,9)

funda isahluko epheleleyo 2 Kwabasekorinte 6